Umnombo ft. Music Man Lyrics
- Genre:Soul
- Year of Release:2023
Lyrics
Kow' umzontsundu awubhali
Umnombo udluliswa ngeentsomi
Nantsi impunga ndikuphe
Phaya phesheya komlambo
Khawuqalu ndiph' iimbombi
Ndizochuba iindaba kuwe
Iyantlukwano isuka phakathi kumzi kaPhalo
Leyantlukwano ingaphakathi
Emzini, emzini kaPhalo
Emzini ka Xhosa
Qumani Nhantsi indaba ingaphumi
Sihlalisane phantsi sibonisane
Kukhala aMatshawe!
Ekhaliswa kukuyazi
Ngumnombo lho
Ngumnombo lho
Inimba iyasika
Yho! Yho! Yho! Yho! Yho! Yho! Yho! Yho!
Yatsho entle inkulu kaXHosa
AmaCirha afuna ubuyekezwa
Ngobukumkani obathathwa
NgokuHlomla ngenxa yenyamakazi
Hlomla elidala lineempondo
Sithini na isiswambululo?
Yenjani exhelwayo?
Yemdaka na xa kunjena?
Mna ndingu Togu
Umlwawu
UMdange
UTshawe
UMdange ka Tshiwo
UDyukutya amaphambili ungabhekisanga mntwini
Gwijo elinoqiqo elabhijela iweyiti
Kumkani ka Xhosa
Nkosi yamtu
Umtwana omhle
Ndizalwa nguMamCirha
UNtswentswe
UMhlantla
UMhlantle ndlovu
UHlomla lidala lide lineempondo
UNojawolo
UNcibane
UQhanqolo